INDABA ZENU
Monday, 8 April 2013
Ubundlobongela bamapolisa eMzantsi Afrika jikelele(POLICE BRUTALITY)
Amapolisa ngabantu abenza umsebenzi wokukhusela uluntu kubundlobongela nakuyo nayiphi into ethi ibeke ubomi boluntu ebunciphekweni. ukhuselo kunye nobomi boluntu busezandleni zawo, kuba luxanduva lwabo ukuqinisekisa ukuba uluntu lukwimo exhomileyo kwicala lokhuseleko. Into entsha mva nje amapolisa ajike aba zizikrelemnqa ezifaka ubomi boluntu kuncuncutheko endaweni yokukhusela. Kweliqweqwe sonaba siveza iindlela ezininzi amapolisa anobundlobongela ngayo kuluntu kulemihla, sibala imiba yokubulawa, ukubethwa,ukuxhatshazwa, ubuqhophololo kunye neminye.
Yonke lento yaqala mhla amapolisa afumana igunya kumphathi wabo weloxesha lokuba akwazi ukudubula kwaye athabathele kubo ubomi bomntu ezandleni zawo ngegama lokuthi ayazikhusela(shoot to kill)." xa eza umntu, sukumane ulingisa ufuna ukudubula iinyawo, chana entloko, kuba xa ungenzi njalo yena uzakwenza njalo" lawo ngamagama womphathi wabo ngeloxesha. Emveni kwayo yonke lento yokuba kudutyulwe kubulawe, siye sabona unyuko kwizinga okanye kwinani labantu abathi basweleke bebulawa ngamapolisa.
Ukuqhanqalaza lelinye lamalungelo oluntu kwaye kufanele kungoyikeki kuba sube ufuna ukuviwa izimvo zakho kwaye uphenduleke, kulemihla kunzima kuba abantu bayayazi ukuba xa bethi bathathe isigqibo sokuba baqhanqalaze kuye kuphume imiphefumlo emininzi ngenxa yobundlobongela bamapolisa. Umzekelo uAndreas Sitatana wathi wasutywa kukufa ekuqhanqalazeni edutyulwa kwaye ebethwa ngamapolisa.Omnye umzekelo omhle ngulo waseMarikana apho amapolisa adubula abulala abantu abangamashumi amathathu anesibini kwaye onzakalisa isihlanu sithetha nje abanye bangxunguphele.
Uluntu alusawathembi amapolisa, lonto yenza luthathele umthetho ezandleni zawo.Izikrelemnqa zisebenzisa elithuba ukwenza ububi kuba kaloku ubudlelwano kanye nokuthembana phakathi koluntu namapolisa alukho.
Isisombululo sayo yonke lento kukuba amapolisa athi abandakanyeke ekubulaleni agwetywe.
Monday, 18 March 2013
Ukulunga nokungalungi kweTeknoloji ezimpilweni zabantu
ITeknoloji bubuchwepheshe obukhoyo kwizwe jikelele. Obubuchwepheshe akukho kudala buyingxalenye nobomi bethu,ngoko ke busandofika bumini. Abantu ngabantu banoluvo olungafaniyo ngakuyo, abanye bayayingxeka nangona abanye besithi iye yabenza lula ubomi bethu ngandlela zonke.Kwesi isibhalalo sothi sijonge okukugxekwa nokukuphakanyiselwa kwaleTeknoloji, sothi sijonge nokuba kutheni kanye kanye abantu beza noluluvo lungafaniyo.
Ewe, iTeknoloji ibenza lula ubomi bethu kwaye yonga nexesha ekwenzeni izinto. Kudala kwakuye kufuneke ukuba ubhale incwadi xa ufuna ukuthetha nomhlobo wakho okude kwaye lonto binye ichithe ixesha elininzi susela ekubhaleni loncwadi nokuba mayihambe umgama kuze ifike, iTeknoloji le iye yaveza izinto ezifana neemfonomfono ezithi zithathe ixesha ilincinci kakhulu ukuze uthethe nesihlobo sakho esikude. Nakwicandelo lezemfundo iTeknoloji edlala indima entle kwaye enkulu kakhulu, iiKompyutha zithi senze lula xa sinikwe uphando ezikolweni zethu kwanezinye izinto ezininzi ethi izenze lula.
Abanye abantu baye bathi kwakuncono kwangokuya yayingekho leTeknoloji kuba kaloku yiyo le ibalambisayo,ibaxuthela imisebenzi yabo. Kudala kwakusukwa kuqeshwe aabantu abangamakhulu xa kuzakwakhiwa indlu, kodwa ngoku kuye kuqeshwe ishumi kuphela kuba kaloku bencediswa ngomatshini abathile abavezwe yile Teknoloji. Abanye abazali bakwathi iyabamosha abantwana, ngoba baye bafunde izinto ezininzi ezimbi komabonakude buqale apho ke ubundlavini.
ITeknoloji ibutshintshile ubomi bethu ngandlela zonke, inazo izinto ezithile embi ngazo kodwa asinokuthini iyasinceda. Thina ekumele sikwenze kukuzama iindlela zokunciphise ezizinto zimbi sithi ize nazo.
Monday, 11 March 2013
Unxunguphalo kwimfundo eMzantsi Afrika
Imfundo sisixhobo
sobom,sisbani esikhanyisela izizwe, imfundo le iyafana nesitsixio esivula
kuvaliwe kwate imfundo lulwazi olukhulula inqondo ebumyamaeni bokuswela ulwazi
ngokukhoyo ehlabathini, kwayo ngaphandle
kwesosibane nesitsixo esiyimfundo esosizwe singaphila ebugxwayibeni, phantsi
kwemeko ezingaginyisis-mathe kunye nasentluphekweni.
Ulutsha likamva lelizwe
lonke kodwa xa elo lutsha lufumana izinga le mfuundo eliphantsi okanye
olungekho mgangathweni ophezulu, loo nto
ilenza mfiliba ikamva lelolizwe. UMantsi Afrikalelinye lamazwe elinoqoqosho
oluphuhlayo, loo nto ithetha ukwanda kwamathuba omsebenzi kunye nophuhliso lo
luntu. Alukho uluntu olungaphuhla kwaye libenenkqubela ngaphadle kokutyala
imali kulutsha lwalo kunye nemfundo efunyanwa lolulutsha.
UMzantsi Afrika sisizwe
esinemvalaphi egcwele yimpatho-gadalala, ubundlobongela kunye neyantlukwano
yoluntu, ngenxa yocalucalulo ngokobuhlanga(Apartheid); ngenxa yelifa
localucalulo ngokohlanga loo nto yakhokhela ekubeni abantu ingakumbi abantu
abantsundu banyanzelwe ngenqanaba eliphantsi lemfundo kuba urhulumente
wayecinga ukuba abantu abantsundu abanako ukuphila ubom obuphucukileyo ngenxa
yeenjongo zabo zokurhwaphiliza nokuthimba ubutyebi babantu abantsundu.
Inqanaba lemfundo yase mzantsi
afrika iyaxhalabisa kakhulu kubemi base
mzantsi afrika.izikolo eziphantsi korhulumente ziyasokola kakhulu ukufumana
imfundo esezingeni eliphezulu.unobangela walangxushungxushu kukunga sebenzisani
phakathi kwamasebe karhulumente gxebe ukuswela intethwa-ntethwano phakathi
kwabantu abaphethe isebe lezemfundo.Iyaxhalabisa kakhulu lento ngoba lininzi
izinga labantwana abahleli bengenzi nto bakuqgiba I matric ngoba benga
pasanga.Urhulumete uyayaba imali ayinike abasemagunyeni ,ibe kwangabo
abanyolukileyo bayixhaphaze imali karhulumente.Ootitshala banyusa amodolo umhla
nezolo befuna indlela yokuba lengxushungxushu isonjululwe
Ichiza
kulengxaki linye ,lelokuba ootitshala nabantwana kunye norhulumene bobathathu
babambisane balwe le ngxaki.Imfundo engenamagingxingingxi ithi yenze abafundi
abo balo ndawo bafunde kwaye uninzi lwabo luqhube kakuhle. Ngokuqhuba kakuhle
ezifundweni siye sense iphondo elo lethu libe kwimo engcono kakhulu.
Subscribe to:
Posts (Atom)



