Monday, 8 April 2013

Ubundlobongela bamapolisa eMzantsi Afrika jikelele(POLICE BRUTALITY)

                          


Amapolisa ngabantu abenza umsebenzi wokukhusela uluntu kubundlobongela nakuyo nayiphi into ethi ibeke ubomi boluntu ebunciphekweni. ukhuselo kunye nobomi boluntu busezandleni zawo, kuba luxanduva lwabo ukuqinisekisa ukuba uluntu lukwimo exhomileyo kwicala lokhuseleko. Into entsha mva nje amapolisa ajike aba zizikrelemnqa ezifaka ubomi boluntu kuncuncutheko endaweni yokukhusela. Kweliqweqwe sonaba siveza iindlela ezininzi amapolisa anobundlobongela ngayo kuluntu kulemihla, sibala imiba yokubulawa, ukubethwa,ukuxhatshazwa, ubuqhophololo kunye neminye.

Yonke lento yaqala mhla amapolisa afumana igunya kumphathi wabo weloxesha lokuba akwazi ukudubula kwaye athabathele kubo ubomi bomntu ezandleni zawo ngegama lokuthi ayazikhusela(shoot to kill)." xa eza umntu, sukumane ulingisa ufuna ukudubula iinyawo, chana entloko, kuba xa ungenzi njalo yena uzakwenza njalo" lawo ngamagama womphathi wabo ngeloxesha. Emveni kwayo yonke lento yokuba kudutyulwe kubulawe, siye sabona unyuko kwizinga okanye kwinani labantu abathi basweleke bebulawa ngamapolisa.

Ukuqhanqalaza lelinye lamalungelo oluntu kwaye kufanele kungoyikeki kuba sube ufuna ukuviwa izimvo zakho kwaye uphenduleke, kulemihla kunzima kuba abantu bayayazi ukuba xa bethi bathathe isigqibo sokuba baqhanqalaze kuye kuphume imiphefumlo emininzi ngenxa yobundlobongela bamapolisa. Umzekelo uAndreas Sitatana wathi wasutywa kukufa ekuqhanqalazeni edutyulwa kwaye ebethwa ngamapolisa.Omnye umzekelo omhle ngulo waseMarikana apho amapolisa adubula abulala abantu abangamashumi amathathu anesibini kwaye onzakalisa isihlanu sithetha nje abanye bangxunguphele.

Uluntu alusawathembi amapolisa, lonto yenza luthathele umthetho ezandleni zawo.Izikrelemnqa zisebenzisa elithuba ukwenza ububi kuba kaloku ubudlelwano kanye nokuthembana phakathi koluntu namapolisa alukho.

Isisombululo sayo yonke lento kukuba amapolisa athi abandakanyeke ekubulaleni agwetywe.

No comments:

Post a Comment